


14 BONA XHOSA - November 1 996

Basigcine sithelekelela. Ekuqaleni bakwenza indaba yakwamkhozi ukuthandana kwabo. Emva koko baphikile ukuba bayathandana. Ekugqibeleni bamangalise wonk umntu ngokuqhaqha ibholo Iokuba bayathandana - baza emva koko bangayifihli loo nto eluntwini.


UMongameli Mandela ewola isithandwa sakhe esitsha, uGraca Machel. UNksk. Machel ungumhlolokazi kaSamora Machel owayenguMongameli waseMozambique. Kule foto uphethe intyatyambo encinane ebomvu ayinikwe nguMadiba.



A
 KUKHO mntu unokutsho ukuba
baqala nini ukuthandana. Kodwa
unxulumano lukhulu phakathi kwesi sibini, kwaye alugqibeli kwisibini esithandanayo kuphela, koko lukho nakwintsapho zabo namazwe abo.
UMongameli Joachim Chissano waseMozambique, owangena ezihlangwini zendoda kaGraca Machel, uSamora Machel ongasekhoyo, kuthiwa uyazi ukuba uMadiba noGraca bayathandana kwaye ungomnye wabantu abakhulu abathi mabatshate ngokukhawuleza. Enye indwalutho ethi mabatshate nguBhishophu Desmond Tutu, ongathandabuziyo ukuba esi sibini siza kucinga ngokutshata ekugqibeleni.
UMadiba uvana gqitha nabantwana
bakwaMachel. Omnye wabo, uJozina,



UWinnie MadikizelaMandela owayeyinkosikazi kaMongameli nowayengu- Mama Welizwe Ngoku ngathi indawo yakhe iza kuthatyathwa nguGraca MacheL
NGABA  BAZA KUTSHATA OKANYE ABAZUKUTSHATA

ingxelo yenziwa nguFELIX MGUDLWA kufote abeThe Star nabeSouthlight


kuthiwa ubehlala noMadiba ekapa xa ebefunda eUniversity Of Cape Town. Omnye, ogama linguMalengane, kuthiwa wayekhona kwitheko lokwamkela uMadiba eJamani yaye wayephakathi kweendwalutho.
UNksk. Machel uhlonelwa gqitha eMozambique. Ubonwa emele indoda yakhe engasekhoyo, kwaye uligcina liphila igama lakwaMachel ngegalelo lakhe kwilizwe laseMozambique njengokuba noWinnie Madikizela
Mandela wayesenza xa wayevalelwe uMadiba owayengumyeni wakhe.
UNksk. Machel onesidanga sezifundo zomthetho uphumeze izinto ezininzi:
ubefudula enguMphathiswa weMfundo elizweni lakhe, usebenzile kwiMibutho Yamanina eMozambique, wazi iilwimi ezininzi, eziquka isiNgesi, isiFrentshi nesiPutukezi kanti nguye ophethe iofisi yeunited Nations Childrens Fund (iUnicef) ePitoli. Ngokuqinisekileyo iChildrens Fund kaMongameli Mandela iza kuthandwa nangakumbi njengokuba uMachel ebandakanyekile kuyo. Ngo1992 iYunivesithi yaseNtshona-Koloni







Uphumile uhili ezingcongolweni!
Le yifoto eyaqhaqha ibholo xa uGraca oMadiba bafotwa bencamisana emtshatweni kaMongameli wasezimbabwe, uRobert Mugabe. Baphika ukuba kukho into phakathi kwabo bathi
 bangabahlobo
nje.
BONA XHOSA - November 1 996 1 5
4	Yinyaniso ukuba siyathandana, kodwa besingekacebi kutshata, utshilo uMongameli Mandela kwiintatheli.
yamwonga ngesidanga sokumhlonipha sobugqirha. Kuthiwa wamphandla apho uMadiba ngobuhle bakhe waza waqala ukuncokola naye ngabantwana bakhe.
UGraca Machel unabantwana abasixhenxe kwaye nangona onwabile kukufumana uthando olutsha emva kokuba ngumhlolokazi iminyaka eli-1O, uthi akazimisele ukutshata. Kudliwano-ndlebe lukanomathotholo kutshanje, uthe ndifuna ukuhlala ndinguNksk. Machel, kuba oko kuphela kwento enokwenza lingatshabalali igama lomyeni wam. Umyeni wakhe wasweleka xa inqwelo-moya owayehamba ngayo yawa kumhlaba
Isibini esonwabileyo! UMadiba noGraca balungele ukufotwa ziintatheli, ngoxa umhlobo wabo, uBhishophu Desmond Tutu, ebukele, ebakhuthaza nokuba batshate.
4&
waseMzantsi-Afrika ngasekomatipoort, nekuyingozi eyenza abantu bakrokrela ukuba kukho unyawo Iwemfene. Kuvakala ukuba usapho lwakwaMachel luzimisele ukunika ubungqina kwikomishini yeNyaniso noXolelwaniso ukuze kuphandwe ngokutsha ukufa kukaSamora Machel.
Kutshanje uMadiba uzithe pahaha iindaba zokuthandana kwabo, emema amajelo eendaba emzini wakhe oseHoughton. UMadiba uphume apho ehamba ebambene ngesandla nesithandwa sakhe, nto leyo ibonise ukuba ngenene bayathandana. UGraca uthe gqi kwiintatheli enoncumo oluzele luthando. UMadiba uye wamwola wamnika nentyatyambo enye ebomvu. Bobabini bathi abazimiselanga ukutshata, phofu ke bobabini bebekade bephika ukuba bayathandana, besithi bayevana nje. Kuza kucaca ukuba bayatshata na ngokuhamba kwexesha...








AsiseBenzisi
Ziyobisi, Yindlela
Nje Esidanisa
Ngayo, Itsho
IBoom, Shaka.
IBoom Shaka ijuxuza eqongeni ngomdaniso wayo owodwa1 Kukho
1abathi ezi mvumi zisebenzisa iziyobisi
I
ngenxa yendlela ezidanisa ngayo eqongeni1


kubalisa uBONGANI HLATSHWAYO kufote uLUCKY NXUMALO

UThembi Seete - uye ebalasela ngokudanisa kwakhe okungaqheIekanga
flv



Junior, uTheo, uThembi noLebo,
abangamalungu amane eBoom
Shaka bawaphika beme ngomlenz omnye amarhe okuba basebenzisa iziyobisi. UThembi uthi: Ndiyazi ukuba uninzi lwabantu luthi sisebenzisa iziyobisi. Kodwa asiyonyani leyo. Uyazi ukuba yintoni? Ukudanisa kuyazenzekela.
Ndingenza nokuba yintoni endiyenza
eqongeni nanini na. Ndidaliwe kwaye sisiphiwo esivela kuThixo,
Ngokuya bephucuka abantu kokukhona izinto bezibona cala-nye. Yintoni engalunganga xa sidanisa umdaniso wethu waseAfrika? Kukungazi okwenza abantu bathethe ngolu hlobo.
Abantu abasityholayo abezi kuzokuphulaphula umculo nomyalezo okuwo, qha bezela ukuzogxeka
esikwenzayo.
Mabancede bangazenzeli isigqibo ngomntu, utshilo ujunior.
IBoom Shaka isamile kwelokuba umdaniso wayo ngowaseAfrika njengeKwasa-kwasa yaseMpuma Afrika.
Siza kuqhubeka nokuwenza lo mdaniso de kufike ixesha lokuba sitshintshe, batshilo.
IBoom Shaka ikhawuleze yaxela


1 6 BONA XHOSA - November 1 996

